-
-
Xhosa
-
-
6
|Marcos 2:6|
Kwaye ke kukho apho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi,
-
7
|Marcos 2:7|
Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, mnye kwaphela, nguThixo?
-
8
|Marcos 2:8|
Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu?
-
9
|Marcos 2:9|
Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Uzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe?
-
10
|Marcos 2:10|
Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (uthi konedumbe),
-
11
|Marcos 2:11|
Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
-
12
|Marcos 2:12|
Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke, ngokokude bathi nqa bonke, bamzukise uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje.
-
13
|Marcos 2:13|
Wabuya waphuma waya ngaselwandle, saye sonke isihlwele sisiza kuye; wayebafundisa.
-
14
|Marcos 2:14|
Wathi edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu; athi kuye, Ndilandele. Wesuka wamlandela.
-
15
|Marcos 2:15|
Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19