-
-
Xhosa
-
-
18
|Marcos 3:18|
yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan,
-
19
|Marcos 3:19|
noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha.
-
20
|Marcos 3:20|
Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka.
-
21
|Marcos 3:21|
Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Uyageza.
-
22
|Marcos 3:22|
Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, UnoBhelezebhule; besithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.
-
23
|Marcos 3:23|
Uthe ebabizele kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angathini na uSathana ukukhupha uSathana?
-
24
|Marcos 3:24|
Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani;
-
25
|Marcos 3:25|
nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu;
-
26
|Marcos 3:26|
noSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile.
-
27
|Marcos 3:27|
Akukho unako ukuthi impahla yegorha angene endlwini yalo ayiphange, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo, andule ukuyiphanga indlu yalo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21