-
-
Xhosa
-
-
13
|Marcos 4:13|
Athi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nothini na ke ukuyazi imizekeliso yonke?
-
14
|Marcos 4:14|
Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi.
-
15
|Marcos 4:15|
Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo.
-
16
|Marcos 4:16|
Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya;
-
17
|Marcos 4:17|
babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko.
-
18
|Marcos 4:18|
Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi;
-
19
|Marcos 4:19|
aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingene ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.
-
20
|Marcos 4:20|
Abo bahlwayelweyo kuwo umhlaba omhle ngaba, basakuthi balive ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.
-
21
|Marcos 4:21|
Wayesithi kubo, Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo? Asiziswa na ukuze sibekwe esiphathweni saso?
-
22
|Marcos 4:22|
Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakaliswa; kananjalo akubangakho nto ifihliweyo ingafihlelwa ukuba ize ekuhleni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7