-
-
Xhosa
-
-
23
|Marcos 4:23|
Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.
-
24
|Marcos 4:24|
Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo.
-
25
|Marcos 4:25|
Kuba osukuba enako uya kunikwa, nongenako uya kuhluthwa kwanoko anako.
-
26
|Marcos 4:26|
Wayesithi, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni;
-
27
|Marcos 4:27|
aze alale, avuke, ubusuku nemini, ibe imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo.
-
28
|Marcos 4:28|
Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo, kuqala ibe likhaba, ize ibe sisikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini;
-
29
|Marcos 4:29|
athi ke, xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna.
-
30
|Marcos 4:30|
Wayesithi, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kubuzekelisa ngamzekeliso mni na?
-
31
|Marcos 4:31|
Bunjengokhozo lwemostade; lona luthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni;
-
32
|Marcos 4:32|
luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi walo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7