-
-
Xhosa
-
-
12
|Marcos 5:12|
Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo.
-
13
|Marcos 5:13|
Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho.
-
14
|Marcos 5:14|
Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na.
-
15
|Marcos 5:15|
Bafike kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika.
-
16
|Marcos 5:16|
Abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu.
-
17
|Marcos 5:17|
Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo.
-
18
|Marcos 5:18|
AkubonÂ’ ukuba ungene emkhombeni, wathi lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye.
-
19
|Marcos 5:19|
Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba engaka kuwe.
-
20
|Marcos 5:20|
Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke.
-
21
|Marcos 5:21|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7