-
-
Xhosa
-
-
32
|Marcos 5:32|
Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto.
-
33
|Marcos 5:33|
Ithe ke intokazi leyo, isoyika, igubha, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi kuye, yamxelela inyaniso yonke.
-
34
|Marcos 5:34|
Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho.
-
35
|Marcos 5:35|
Kuthi esathetha yena, kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi?
-
36
|Marcos 5:36|
Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena.
-
37
|Marcos 5:37|
Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi.
-
38
|Marcos 5:38|
Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu.
-
39
|Marcos 5:39|
Akungena uthi kubo, Yini na ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele.
-
40
|Marcos 5:40|
Basuka bamwa ngentsini. Athi akubakhupha bona bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana.
-
41
|Marcos 5:41|
Ambambe ngesandla umntwana, athi kuye, Talita, kumi; oko kukuthi, ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka!
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7