-
-
Xhosa
-
-
22
|Marcos 5:22|
Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe,
-
23
|Marcos 5:23|
ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila.
-
24
|Marcos 5:24|
Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile.
-
25
|Marcos 5:25|
Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini,
-
26
|Marcos 5:26|
eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu:
-
27
|Marcos 5:27|
yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe;
-
28
|Marcos 5:28|
kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa.
-
29
|Marcos 5:29|
Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.
-
30
|Marcos 5:30|
UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam?
-
31
|Marcos 5:31|
Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na ondichukumisileyo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7