-
-
Xhosa
-
-
33
|Marcos 4:33|
Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva.
-
34
|Marcos 4:34|
Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe.
-
35
|Marcos 4:35|
Athi kubo kwangaloo mini, kwakuhlwa, Masiwele siye ngaphesheya.
-
36
|Marcos 4:36|
Besindulule isihlwele, bamthabatha esemkhombeni njalo; kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye.
-
37
|Marcos 4:37|
Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku.
-
38
|Marcos 4:38|
Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?
-
39
|Marcos 4:39|
Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.
-
40
|Marcos 4:40|
Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Kutheni na, le nto ningenalukholo?
-
41
|Marcos 4:41|
Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle?
-
1
|Marcos 5:1|
Bafika phesheya kolwandle kummandla wabaseGadara.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7