-
-
Xhosa
-
-
3
|Marcos 4:3|
Phulaphulani; yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela;
-
4
|Marcos 4:4|
kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba.
-
5
|Marcos 4:5|
Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ibingenabunzulu bamhlaba;
-
6
|Marcos 4:6|
ithe ke, lakuphuma ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela.
-
7
|Marcos 4:7|
Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo.
-
8
|Marcos 4:8|
Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye.
-
9
|Marcos 4:9|
Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve.
-
10
|Marcos 4:10|
Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo.
-
11
|Marcos 4:11|
Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso;
-
12
|Marcos 4:12|
ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7