-
-
Xhosa
-
-
28
|Marcos 3:28|
Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo;
-
29
|Marcos 3:29|
ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade.
-
30
|Marcos 3:30|
Watsho kuba besithi, Unomoya ongcolileyo.
-
31
|Marcos 3:31|
Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza.
-
32
|Marcos 3:32|
Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna.
-
33
|Marcos 3:33|
Wabaphendula esithi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam?
-
34
|Marcos 3:34|
Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, uthi, Nanku uma nabazalwana bam.
-
35
|Marcos 3:35|
Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.
-
1
|Marcos 4:1|
Wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle. Kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu, ngokokude aye kungena emkhombeni, ahlale elwandle yena; sabe sonke isihlwele sisemhlabeni, sibheke elwandle apho.
-
2
|Marcos 4:2|
Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso. Ubesithi kubo ekubafundiseni kwakhe,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7