-
-
Xhosa
-
-
1
|Lucas 8:1|
Kwathi emva koko, wayihamba imizi ngemizi, nemizana ngemizana, ezivakalisa ezishumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo; babenaye abalishumi elinababini.
-
2
|Lucas 8:2|
Nabafazi abathile ababephiliswe koomoya abangendawo nasebulwelweni, uMariya okuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iidemon zosixhenxe,
-
3
|Lucas 8:3|
noYohana, umfazi kaKuza, igosa likaHerode, noSusana, nabanye abaninzi; bona babemlungiselela ngeempahla zabo.
-
4
|Lucas 8:4|
Ke kaloku, kwakubonÂ’ ukuba kuntontelene isihlwele esikhulu, bathi nabemizi ngemizi bawomela kuye. Wathi ngomzekeliso,
-
5
|Lucas 8:5|
Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe yawa enye ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayigqiba.
-
6
|Lucas 8:6|
Yimbi yawa elulwalweni, yathi isahluma, yatsha ngenxa yokuba ibingenakunyakama.
-
7
|Lucas 8:7|
Yimbi yawa phakathi kwemithana enameva, yasuka imithana enameva yahluma kunye nayo, yayiminxa.
-
8
|Lucas 8:8|
Yimbi yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yahluma, yavelisa isiqhamo kalikhulu. Uthe ezithetha ezi zinto, waye edanduluka esithi, Lowo uneendlebe zokuva makeve.
-
9
|Lucas 8:9|
Baye ke abafundi bakhe bembuza besithi, Ungaba uyintoni na lo mzekeliso?
-
10
|Lucas 8:10|
Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ke kwabanye bona kungemizekeliso, ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38