-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 8:11|
Ke kaloku umzekeliso nguwo lo:
-
12
|Lucas 8:12|
Imbewu le lilizwi likaThixo. Abo ke bangasendleleni ngabo bevayo, andule afike uMtyholi, alisuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakholwa basindiswe.
-
13
|Lucas 8:13|
Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke abanangcambu; bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle.
-
14
|Lucas 8:14|
Leyo ke yawayo emithaneni enameva, ngabo bathi, belivile, bahambe benamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwe, baze bangavelisi siqhamo.
-
15
|Lucas 8:15|
Ke leyo isemhlabeni omhle, ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde.
-
16
|Lucas 8:16|
Akukho ke uthi, esilumekile isibane, asisibeke ngesitya, athi mhlawumbi asibeke ngaphantsi kwesingqengqelo; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya.
-
17
|Lucas 8:17|
Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kanjalo akukho ifihlakeleyo ingayi kwazeka, ize ekuhleni.
-
18
|Lucas 8:18|
Lumkani ngoko ukuva eniva ngako., kuba osukuba enako, uya kunikwa; nosukuba engenako, uya kuhluthwa noko ngathi unako.
-
19
|Lucas 8:19|
Ke kaloku kwafika kuye unina nabazalwana bakhe, baza ababa nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele.
-
20
|Lucas 8:20|
Wabikelwa ke, kusithiwa, Unyoko nabazalwana bakho bemi ngaphandle, befuna ukukubona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40