-
-
Xhosa
-
-
41
|Lucas 8:41|
Kwabonakala kusiza indoda egama linguYayiro; yaye yona ingumphathi wendlu yesikhungu. Yawa ezinyaweni zikaYesu, yayimbongoza ukuba eze endlwini yayo.
-
42
|Lucas 8:42|
Kuba yabe inentombi, iyizala inye, eminyaka ngathi ilishumi linamibini izelwe; yaye yona iqhawuka. Ke kaloku, ekuyeni kwakhe apho, izihlwele bezimxinile.
-
43
|Lucas 8:43|
Nentokazi eyayinethombo legazi iminyaka elishumi linamibini, eyayithe yona phezu koko yadleka impahla yayo iphela ngamagqirha, ayaba nako ukuphiliswa bani,
-
44
|Lucas 8:44|
yeza ngasemva, yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe, lee qoko kwangoko ithombo legazi layo.
-
45
|Lucas 8:45|
Wathi uYesu, Ngubani na lo undichukumisileyo? Bakuba bekhanyela bonke, wathi uPetros nabo babenaye, Mongameli, izihlwele zikuxina, zikukhandanisa nje, uthi na, Ngubani na lo undichukumisileyo?
-
46
|Lucas 8:46|
Uthe ke uYesu, Ukho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum.
-
47
|Lucas 8:47|
Ithe ke intokazi leyo, yakubona ukuba ayifihlakele, yeza igubha, yawa phambi kwakhe, yaxela emehlweni abo bonke abantu, ukuba bekungasizathu sini na ebimchukumisile, nokuphiliswa kwayo kwangoko.
-
48
|Lucas 8:48|
Uthe ke yena kuyo, Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo.
-
49
|Lucas 8:49|
Kuthi, esathetha, kufike othile, evela kwamphathi-ndlu yesikhungu, esithi kuye, Ibhubhile intombi yakho; musa ukumkhathaza uMfundisi.
-
50
|Lucas 8:50|
Ekuvile ke oko uYesu, umphendule wathi, Musa ukoyika; kholwa wena kuphela, yosindiswa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40