-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 14:11|
Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.
-
12
|Lucas 14:12|
Wayesithi ke nakulowo ummemileyo, Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwane yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize oko kube yimbuyekezo kuwe.
-
13
|Lucas 14:13|
Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama;
-
14
|Lucas 14:14|
woba nentsikelelo; ngokuba abanako ukubuyekeza kuwe; kuba uya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.
-
15
|Lucas 14:15|
Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babehleli naye, wathi kuye, Unoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo.
-
16
|Lucas 14:16|
Uthe ke yena kuye, Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi.
-
17
|Lucas 14:17|
Wasusa umkhonzi wakhe ngelixa lesidlo, ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe.
-
18
|Lucas 14:18|
Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka; owokuqala wathi kuye, Ndithenge intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.
-
19
|Lucas 14:19|
Wathi omnye, Ndithenge iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo.
-
20
|Lucas 14:20|
Wathi omnye, Ndizeke umfazi, ngenxa yoko andinakuza.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7