-
-
Xhosa
-
-
31
|Lucas 10:31|
Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela; akumbona, wacezela phaya.
-
32
|Lucas 10:32|
Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya.
-
33
|Lucas 10:33|
Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni, waya kuye; wathi, akumbona, wasikwa yimfesane.
-
34
|Lucas 10:34|
Wafika, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga.
-
35
|Lucas 10:35|
Akumka ngengomso, warhola iidenariyo zambini wanika umninindlu, wathi kuye. Uze umonge; nento ongathi ubuye udleke yona, ndokuhlawulela mna ekubuyeni kwam.
-
36
|Lucas 10:36|
Nguwuphi na kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?
-
37
|Lucas 10:37|
Uthe ke yena, Ngulowo wamenzela inceba. Wathi ngoko uYesu kuye, Hamba, uye kwenjenjalo nawe.
-
38
|Lucas 10:38|
Ke kaloku kwathi, ekuhambeni kwabo, yena wangena mzini uthile, yathi ke intokazi ethile egama linguMarta, yamamkela ngobubele endlwini yayo.
-
39
|Lucas 10:39|
Yaye ke inomsakwayo obe kuthiwa nguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zikaYesu, emana ukuliphulaphula ilizwi lakhe.
-
40
|Lucas 10:40|
UMarta ke yena wakruthakrutheka kukulungiselela okuninzi. Wema ke kufuphi wathi, Nkosi, akukhathali na, kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho ke kuye, andincede.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7