-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 10:11|
Nothuli lomzi wenu olunamathele kuthi, siluvuthululela kuni; kodwa ke kwazini khona oku, ukuba busondele kuni ubukumkani bukaThixo.
-
12
|Lucas 10:12|
Ndithi ke kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom ngaloo mini, kunokwaloo mzi.
-
13
|Lucas 10:13|
Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, ingeyaguqukayo kwakudala loo mizi, ihleli ngeengubo ezirhwexayo naseluthuthwini.
-
14
|Lucas 10:14|
Ewe, koba nokunyamezeleka okweTire nokweTsidon ngomgwebo kunokwenu.
-
15
|Lucas 10:15|
Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo.
-
16
|Lucas 10:16|
Lowo univayo nina, uva mna; nalowo unigibayo nina, ugiba mna; lowo ke ugiba mna, ugiba lowo wandithumayo.
-
17
|Lucas 10:17|
Ke kaloku babuya abamashumi asixhenxe bevuyile, besithi, Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho.
-
18
|Lucas 10:18|
Uthe ke kubo, Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini.
-
19
|Lucas 10:19|
Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alo utshaba; kanjalo akukho nto ingakhe inenzakalise.
-
20
|Lucas 10:20|
Noko ke maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; vuyelani ke kanye okokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3