-
-
Xhosa
-
-
41
|Lucas 19:41|
Akusondela, wawubona umzi, wawulilela,
-
42
|Lucas 19:42|
esithi, Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho.
-
43
|Lucas 19:43|
Ngokuba uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke,
-
44
|Lucas 19:44|
zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi, kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.
-
45
|Lucas 19:45|
Waza, eye kungena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga;
-
46
|Lucas 19:46|
esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.
-
47
|Lucas 19:47|
Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa.
-
48
|Lucas 19:48|
Baye ke bengafumani nto bangayenzayo; kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7