-
-
Xhosa
-
-
31
|Lucas 1:31|
Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.
-
32
|Lucas 1:32|
Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide,
-
33
|Lucas 1:33|
uyise, abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo.
-
34
|Lucas 1:34|
Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje?
-
35
|Lucas 1:35|
Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo.
-
36
|Lucas 1:36|
Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo;
-
37
|Lucas 1:37|
ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo.
-
38
|Lucas 1:38|
Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makwenzeke kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye.
-
39
|Lucas 1:39|
Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda;
-
40
|Lucas 1:40|
wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10