-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 1:11|
Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso.
-
12
|Lucas 1:12|
Wakhathazeka uZekariya, akusibona, wangenelwa kukoyika.
-
13
|Lucas 1:13|
Sathi ke isithunywa eso kuye, Musa ukoyika, Zekariya, ngokokuba isikhungo sakho siviwe; wothi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane.
-
14
|Lucas 1:14|
Uya kuba nokuvuya nokugcoba, bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe.
-
15
|Lucas 1:15|
Kuba uya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; uya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe.
-
16
|Lucas 1:16|
Nento eninzi ke yoonyana bakaSirayeli uya kuyibuyisela eNkosini uThixo wabo.
-
17
|Lucas 1:17|
Yena uya kuhamba phambi kobuso bayo, enomoya enamandla kaEliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa, alungisele iNkosi abantu abalungisiweyo.
-
18
|Lucas 1:18|
Wathi uZekariya kuso isithunywa, Ndiya kukwazi ngani na oko? Kuba mna ndimdala, waye nomfazi wam selekhulile.
-
19
|Lucas 1:19|
Saphendula ke isithunywa, sathi kuye, Mna ndinguGabriyeli, oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe kuwe, ndikushumayeze ezi ndaba zilungileyo.
-
20
|Lucas 1:20|
Uyabona, uya kuba sisidenge, ungabi nako ukuthetha, kude kube yimini eziya kuthi zenzeke ngayo ezi zinto, ngenxa enokuba ungakholwanga ngamazwi am; aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7