-
-
Xhosa
-
-
11
|Joel 1:11|
Danani, balimi; bhombolozani, basebenzi bezidiliya, ngenxa yengqolowa nangenxa yerhasi; kuba lutshabalele uvuno lwamasimi.
-
12
|Joel 1:12|
Umdiliya utshile, umkhiwane untshwenyile, nomrharnate, kwanamasundu nemiapile; yonke imithi yasendle yomile; ewe, iphelile imihlali, imkile koonyana babantu.
-
13
|Joel 1:13|
Bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, babingeleli; bhombolozani, balungiseleli besibingelelo; yizani, lalani ngezirhwexayo bonke ubusuku, balungiseleli boThixo wam; kuba indlu yoThixo wam ivinjiwe umnikelo wokudla nothululwayo.
-
14
|Joel 1:14|
Ngcwalisani uzilo, memani ingqungquthela, hlanganisani amadoda amakhulu, bonke abemi belizwe, beze endlwini kaYehova uThixo wenu, nikhale kuYehova.
-
15
|Joel 1:15|
Hayi ke, le mini! Kuba isondele imini kaYehova, ivela njengembuqo kuSomandla.
-
16
|Joel 1:16|
Akunqumke phambi kwamehlo ethu na ukudla, imivuyo nemigcobo endlwini yoThixo wethu?
-
17
|Joel 1:17|
Zibolile iinkozo phantsi kwamagada azo, bachithakele oovimba, athi bhuma amaqonga, kuba itshile ingqolowa.
-
18
|Joel 1:18|
Hayi, ukuncwina kwempahla enkulu! Ikhohliwe imihlambi yeenkomo, kuba ingenatyani; nemihlambi yempahla emfutshane ibandezelekile.
-
19
|Joel 1:19|
Ndikhala kuwe, Yehova; kuba umlilo uwatshisile amakriwa asentlango, nelangatye layirhawula yonke imithi yasendle.
-
20
|Joel 1:20|
Kwanempahla enkulu yasendle itsalela kuwe; kuba itshile imijelo yamanzi, umlilo wawatshisa amakriwa asentlango.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10