-
-
Xhosa
-
-
31
|Joel 2:31|
Ilanga liya kusuka libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo.
-
32
|Joel 2:32|
Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde; kuba entabeni yaseZiyon naseYerusalem kuya kubakho abasindileyo, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova.
-
1
|Joel 3:1|
Ngokuba, yabonani, ngayo loo mihla, nangalo elo xesha, ndiya kukubuyisa ngalo ukuthinjwa kukaYuda neYerusalem,
-
2
|Joel 3:2|
ndozibutha zonke iintlanga, ndizihlisele entilini yakwaYoshafati; ndimangalelane nazo khona ngenxa yabantu bam, ilifa lam amaSirayeli, ezibathe saa ezintlangeni, zalaba ilizwe lam.
-
3
|Joel 3:3|
Abantu bam zibenzele amaqashiso, zavuza ihenyukazi ngenkwenkwe; zathengisa ngentombi ngewayini, zasela.
-
4
|Joel 3:4|
Kananjalo niya kundenza ntoni na nina, Tire, nawe, Tsidon, nani, mida yonke yamaFilisti? Niya kundibuyekeza impatho yam na? Niya kundenza ntoni na? Kwakamsinya, ngokukhawulezayo, ndiya kukubuyisela ukuphatha kwenu entlokweni yenu.
-
5
|Joel 3:5|
Ekubeni nithabathe isilivere yam negolide yam, izinto zamezintle ezinqwenelekayo, nazisa etempileni yenu;
-
6
|Joel 3:6|
nathengisa ngoonyana bakaYuda nangoonyana baseYerusalem koonyana bakaYavan, ukuze nibakhwelelisele kude emdeni wabo;
-
7
|Joel 3:7|
yabonani, ndiyabaxhoxha endaweni enathengisa ngabo kuyo, ndikubuyisele ukuphatha kwenu entlokweni yenu.
-
8
|Joel 3:8|
Ndothengisa ngoonyana benu nangeentombi zenu esandleni soonyana bakaYuda, bathengise ngabo kumaShebha, kuhlanga olukude; kuba uthethile uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10