-
-
Xhosa
-
-
1
|Joel 2:1|
Vuthelani isigodlo eZiyon, nihlabe umkhosi entabeni yam engcwele. Mabagungqe bonke abemi belizwe, ngokuba isiza imini kaYehova, kuba isondele:
-
2
|Joel 2:2|
imini enobumnyama nesithokothoko, imini enamafu, enamafu amnyama, anjengokuthi qhiphu kokusa phezu kweentaba; abantu abaninzi, abanamandla; akuzanga kube nje naphakade, emva kwabo akusayi kuza kubuye kube nje, kude kuse eminyakeni yezizukulwana ngezizukulwana.
-
3
|Joel 2:3|
Phambi kwabo kutshisa umlilo; nasemva kwabo kurhawula ilangatye. Ilizwe linjengomyezo we-Eden phambi kwabo; emva kwabo linjengentlango enkangala, nento esindileyo ayi kubakho kulo.
-
4
|Joel 2:4|
Injengokubonakala kwamahashe imbonakalo yabo; njengakhwelwayo, benjenjalo ukubaleka.
-
5
|Joel 2:5|
Anjengesithonga seenqwelo zokulwa ezincotsheni zeentaba amagqasi abo; njengesithonga selangatye lomlilo otshisa iindiza; njengabantu abanamandla abakhe uluhlu.
-
6
|Joel 2:6|
Ebusweni babo ziyazibhijabhija izizwe; bonke ubuso buba luthuthu.
-
7
|Joel 2:7|
Bagidima njengamagorha; banyuka udonga njengamadoda okulwa; bahamba elowo ngendlela yakhe, abaphambaphambi emendweni wabo.
-
8
|Joel 2:8|
Abagilani, bahamba elowo ngomendo wakhe; bawa nasezikhalini, bangenzakali.
-
9
|Joel 2:9|
Baphithizela emzini; babaleka eludongeni; banyuka ezindlwini; bangena ngeefestile njengesela.
-
10
|Joel 2:10|
Phambi kwabo uyagungqa umhlaba; liyanyikima izulu. Lisuke laba mnyama ilanga nenyanga, neenkwenkwezi zibufinyezile ubumhlophe bazo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7