-
-
Xhosa
-
-
11
|Joel 2:11|
UYehova ukhupha izwi lakhe phambi kwempi yakhe; kuba mkhulu kakhulu umkhosi wakhe; kuba unamandla umenzi welizwi lakhe; kuba inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene; ngubani na onokuyinyamezela?
-
12
|Joel 2:12|
Nangoku ke, utsho uYehova ukuthi, Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela;
-
13
|Joel 2:13|
nikrazule intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu, uyazohlwaya ngenxa yobubi.
-
14
|Joel 2:14|
Ngubani na owaziyo? mhlawumbi wobuya azohlwaye, ashiye intsikelelo ngasemva kwakhe, umnikelo wokudla nothululwayo kuYehova uThixo wenu.
-
15
|Joel 2:15|
Vuthelani isigodlo eZiyon, ngcwalisani uzilo, memani ingqungquthela.
-
16
|Joel 2:16|
Hlanganisani abantu, ngcwalisani ibandla, buthani amadoda amakhulu, hlanganisani iintsapho nabanyayo emabeleni; makaphume umyeni egumbini lakhe, umtshakazi esililini sakhe.
-
17
|Joel 2:17|
Mabalile ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova, phakathi kwevaranda nesibingelelo, bathi, Yiba nenceba, Yehova, ebantwini bakho, ungalinikeli ilifa lakho ekungcikivweni, ukuba iintlanga zizekelise ngabo, yini na ukuba kuthiwe ezizweni, Uphi na uThixo wabo?
-
18
|Joel 2:18|
Waba nobukhwele ke uYehova ngelizwe lakhe, waba nofefe ngabantu bakhe.
-
19
|Joel 2:19|
Waphendula uYehova, wathi ebantwini bakhe, Yabonani, ndinithumela ingqolowa, newayini entsha, neoli, eniya kwaneliswa yiyo; ndingabi saninikela ukuba nibe sisingcikivo ezintlangeni.
-
20
|Joel 2:20|
Ndiya kumkhwelelisela kude kuni owasentla, ndimgxothele ezweni elingumqwebedu, enkangala; umphambili wakhe usinge kulwandle lwasempumalanga, umqosheliso wakhe kulwandle lwasentshonalanga, kunyuke ukunuka kwakhe, kunyuke ukubola kwakhe, kuba eziphakamisile ukwenza izinto ezinkulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3