-
-
Xhosa
-
-
1
|Juan 11:1|
Ke kaloku, kwaye kusifa umntu othile, uLazaro waseBhetani, umzi wakulooMariya, noMarta udade wabo.
-
2
|Juan 11:2|
Yaye ke inguloo Mariya, wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, wazisulayo iinyawo zayo ngeenwele zakhe, omnakwabo uLazaro wayesifa.
-
3
|Juan 11:3|
Bathumela ngoko oodade babo kuye, besithi, Nkosi, uyabona, lowo umthandayo uyafa.
-
4
|Juan 11:4|
Evile ke uYesu wathi, Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.
-
5
|Juan 11:5|
Ke uYesu wayebathanda ooMarta nomsakwabo noLazaro.
-
6
|Juan 11:6|
Uthe ngoko akuva ukuba uyafa, wakha okunene wahlala kuloo ndawo abekuyo iintsuku ezimbini.
-
7
|Juan 11:7|
Waza emveni koko wathi kubo abafundi, Masibuye siye kwelakwaYuda.
-
8
|Juan 11:8|
Bathi abafundi kuye, Rabhi, amaYuda ebefuna ngoku ukukuxuluba ngamatye nje, ubuya uye khona na?
-
9
|Juan 11:9|
Waphendula uYesu wathi, Akalishumi elinamabini na amaxa emini? Ukuba umntu uthi ahambe emini, akakhubeki; ngokuba elubona ukhanyiselo lweli hlabathi.
-
10
|Juan 11:10|
Ke ukuba umntu uthi ahambe ebusuku, uyakhubeka; ngokuba ukukhanya kungekho kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38