-
-
Xhosa
-
-
1
|Juan 16:1|
Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze ningakhutyekiswa.
-
2
|Juan 16:2|
Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo.
-
3
|Juan 16:3|
Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam.
-
4
|Juan 16:4|
Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andinixelelanga kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.
-
5
|Juan 16:5|
Ngoku ke ndiyemka, ndiya kowandithumayo; akukho namnye kuni undibuzayo, athi, Uya phi na?
-
6
|Juan 16:6|
Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu.
-
7
|Juan 16:7|
Noko ke mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.
-
8
|Juan 16:8|
Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo;
-
9
|Juan 16:9|
ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum;
-
10
|Juan 16:10|
ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38