-
-
Xhosa
-
-
1
|Juan 3:1|
Kwaye kukho ke umntu wakubaFarisi, ogama linguNikodemo, umphathi wamaYuda.
-
2
|Juan 3:2|
Lowo weza kuYesu ebusuku, wathi kuye, Rabhi, siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo; kuba akukho namnye unako ukuyenza le miqondiso uyenzayo wena, ukuba uThixo akanaye.
-
3
|Juan 3:3|
Waphendula uYesu wathi kuye, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo.
-
4
|Juan 3:4|
Uthi uNikodemo kuye, Angathini na umntu ukuzalwa emdala? Angaba nako yini na ukungena okwesibini esizalweni sonina azalwe?
-
5
|Juan 3:5|
Waphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo.
-
6
|Juan 3:6|
Okuzelwe yinyama kuyinyama, nokuzelwe nguMoya kungumoya.
-
7
|Juan 3:7|
Musa ukumangaliswa kukuba ndithe kuwe, Nimelwe kukuthi nizalwe ngokutsha.
-
8
|Juan 3:8|
Umoya uphepheza apho uthanda khona, uze usive isandi sawo, kodwa ungawazi apho uvela khona, nalapho usinga khona: bakwanjalo bonke abazelwe nguMoya.
-
9
|Juan 3:9|
Waphendula uNikodemo wathi kuye, Zingathini na ezi zinto ukuba nokubakho?
-
10
|Juan 3:10|
Waphendula uYesu wathi kuye, Wena, ungumfundisi nje wakwaSirayeli, akuzazi na ezi zinto?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7