-
-
Xhosa
-
-
1
|Juan 18:1|
Akuzithetha uYesu ezi zinto, waphuma nabafundi bakhe, waya phesheya komlanjana oyiKidron, apho kwakukho umyezo, awangena kuwo yena nabafundi bakhe.
-
2
|Juan 18:2|
NoYuda ke, lowo umngcatshayo, ubeyazi indawo leyo; kuba uYesu ubesakubutha futhi khona apho nabafundi bakhe.
-
3
|Juan 18:3|
Athi ngoko uYuda, ethabathe ibutho lamasoldati namadindala kubabingeleli abakhulu nabaFarisi, eze khona enezikhanyiso nezibane neentonga.
-
4
|Juan 18:4|
Ezazi ngoko uYesu zonke izinto ezimzelayo, waphuma, wathi kubo, Nifuna bani na?
-
5
|Juan 18:5|
Bamphendula bathi, UYesu umNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Wabemi ke nabo uYuda, lowo umngcatshayo.
-
6
|Juan 18:6|
Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni.
-
7
|Juan 18:7|
Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, UYesu umNazarete.
-
8
|Juan 18:8|
Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke;
-
9
|Juan 18:9|
ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye.
-
10
|Juan 18:10|
Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene; laye igama lomkhonzi lowo linguMalko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10