-
-
Xhosa
-
-
11
|Juan 18:11|
Uthe ngoko uYesu kuPetros, Lifake ikrele lakho esingxotyeni salo; indebe andinikileyo uBawo andisayi kuyisela na?
-
12
|Juan 18:12|
Ibutho ngoko lamasoldati, nomthetheli-waka, namadindala amaYuda, bambamba uYesu, bambopha,
-
13
|Juan 18:13|
bamrholela kuAnas kuqala; kuba wayengusomfazi kuKayafa, obengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka.
-
14
|Juan 18:14|
Ke kaloku uKayafa wayengulowo wabhunga namaYuda ngokuthi, Kuyinto elungileyo, ukuba umntu omnye atshabalale ngenxa yabantu.
-
15
|Juan 18:15|
Ke kaloku uSimon Petros wayemlandela uYesu, naye omnye umfundi. Loo mfundi ke wayesazeka kumbingeleli omkhulu, wangena noYesu entendelezweni yombingeleli omkhulu.
-
16
|Juan 18:16|
UPetros ke ubemi ngasesangweni ngaphandle. Waphuma ke omnye umfundi, lowo ubesazeka kumbingeleli omkhulu, wathetha nomgcini-sango, wamngenisa uPetros.
-
17
|Juan 18:17|
Sithi ngoko isicakazana esingumgcini-sango kuPetros, Ingaba nawe ungowabafundi balo mntu yini na? Athi yena, Andinguye.
-
18
|Juan 18:18|
Ke kaloku kwakumi khona abakhonzi namadindala bebase umlilo wamalahle, ngokuba bekubanda; bamana besotha, waye ke uPetros emi nabo esotha.
-
19
|Juan 18:19|
Umbingeleli omkhulu ngoko wambuza uYesu ngabafundi bakhe, nangayo imfundiso yakhe.
-
20
|Juan 18:20|
Wamphendula uYesu wathi, Mna ndathetha ngokungafihlisiyo kulo ihlabathi; mna bendihleli ndifundisa endlwini yesikhungu nasetempileni, apho amaYuda ebesakubuthelana khona, evela kumacala onke; emfihlekweni andithethanga nto.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19