-
-
Xhosa
-
-
21
|Juan 18:21|
Yini na ukuba ubuze kum? Buza kwabo bayivileyo into endayithetha kubo; uyabona, aba bayakwazi oko ndakuthethayo.
-
22
|Juan 18:22|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba utshilo, elinye lamadindala, elalimi khona, lammonxoza uYesu, lathi, Wenjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu?
-
23
|Juan 18:23|
Waliphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethe kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethelani na?
-
24
|Juan 18:24|
UAnas wamthumela ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.
-
25
|Juan 18:25|
Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha; bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela yena wathi, Andinguye.
-
26
|Juan 18:26|
Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane salowo uPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna Yini na emyezweni unaye?
-
27
|Juan 18:27|
Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku.
-
28
|Juan 18:28|
Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; bona abangenanga endlwini yerhuluneli, ukuze bangadyobheki, ukuze bayidle ipasika.
-
29
|Juan 18:29|
Waphuma ke uPilato waya kubo, wathi, Nimisa tyala lini na kuye lo mntu?
-
30
|Juan 18:30|
Baphendula bathi kuye, Ukuba ebengenguye umenzi wobubi yena, singe singamnikelanga kuwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19