-
-
Xhosa
-
-
21
|Juan 11:21|
Wathi ngoko uMarta kuYesu, Nkosi, ukuba ubulapha, umnakwethu ange engafanga.
-
22
|Juan 11:22|
Nangoku ndiyazi ukuba, ongathi ukucele kuThixo, oko wokunika uThixo.
-
23
|Juan 11:23|
Athi kuye uYesu, Umnakwenu uya kubuya avuke.
-
24
|Juan 11:24|
Athi uMarta kuye, Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela.
-
25
|Juan 11:25|
Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi.
-
26
|Juan 11:26|
Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; uyakholwa na koko?
-
27
|Juan 11:27|
Athi kuye, Ewe, Nkosi, mna ndiyakholwa ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo, lowo uzayo ehlabathini.
-
28
|Juan 11:28|
Waza etshilo wemka, waya wabiza uMariya umsakwabo ngasese, wathi, UMfundisi ukho, uyakubiza.
-
29
|Juan 11:29|
Uthi yena, akuva oko, asuke kamsinya eze kuye.
-
30
|Juan 11:30|
(Ke kaloku, uYesu ebengekangeni phakathi komzi; wayesekuloo ndawo uMarta wamhlangabeza ekuyo.)
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40