-
-
Xhosa
-
-
31
|Juan 11:31|
Athe ngoko amaYuda abenaye endlwini emkhuza, akumbona uMariya, ukuba usuke kamsinya waphuma, amlandela esithi, Uya engcwabeni, ukuya kulila khona.
-
32
|Juan 11:32|
UMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu.
-
33
|Juan 11:33|
Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka, wakhathazeka.
-
34
|Juan 11:34|
Wathi, Nimbeke phi na? Bathi kuye, Nkosi, yiza ubone.
-
35
|Juan 11:35|
UYesu walila.
-
36
|Juan 11:36|
Ayesithi ngoko amaYuda, Yabonani ke ukumthanda kwakhe!
-
37
|Juan 11:37|
Ke abathile kuwo bathi, Ubengenako na lo, wawavulayo amehlo emfama, ukwenza ukuba nalo angafi?
-
38
|Juan 11:38|
Abuye ke uYesu afutheke ngaphakathi kwakhe, eze engcwabeni. Laye ke lingumqolomba, kubekwe ilitye kuwo.
-
39
|Juan 11:39|
Athi uYesu, Lisuseni ilitye. Athi kuye uMarta, udade wofileyo, Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-ne efile.
-
40
|Juan 11:40|
Athi uYesu kuye, Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38