-
-
Xhosa
-
-
41
|Juan 11:41|
Balisusa ngoko ilitye apho abelele khona ofileyo. Wawaphakamisa ke amehlo uYesu, wakhangela phezulu, wathi, Bawo, ndiyabulela kuwe kuba undivile.
-
42
|Juan 11:42|
Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma.
-
43
|Juan 11:43|
Etshilo ke, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma.
-
44
|Juan 11:44|
Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo, nobuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. Athi kubo uYesu, Mkhululeni, nimyeke ahambe.
-
45
|Juan 11:45|
Ithe ngoko into eninzi kumaYuda, ebize kuMariya, yakuzibona izinto azenzileyo uYesu, yakholwa kuye.
-
46
|Juan 11:46|
Ke abathile kuwo bemka baya kubaFarisi, babaxelela izinto azenzileyo uYesu.
-
47
|Juan 11:47|
Bahlanganisa ngoko ababingeleli abakhulu nabaFarisi intlanganiso yamatyala, bathi, Senza ntoni na? Ngokuba lo mntu wenza imiqondiso emininzi.
-
48
|Juan 11:48|
Ukuba sithe samyeka ngokunje, bonke baya kukholwa kuye; athi ke amaRoma eze, athimbe indawo yethu, kwanohlanga lwethu.
-
49
|Juan 11:49|
Ke kaloku omnye wabo, uKayafa, engumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka, wathi kubo, Anazi nto nina;
-
50
|Juan 11:50|
kananjalo aniqondi ukuba kusilungele, ukuba kufe umntu abe mnye ngenza yabantu, ukuze lungatshabalali uhlanga luphela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40