-
-
Xhosa
-
-
10
|Juan 2:10|
Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.
-
11
|Juan 2:11|
Oku kuqaleka kwemiqondiso wakwenza uYesu eKana yelaseGalili, walubonakalalisa Uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe.
-
12
|Juan 2:12|
Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi.
-
13
|Juan 2:13|
Yayikufuphi ke ipasika yamaYuda; wenyuka uYesu waya eYerusalem.
-
14
|Juan 2:14|
Wabafumana etempileni ababethengisa ngeenkomo nezimvu namahobe, nabananisa ngemali behleli.
-
15
|Juan 2:15|
Wenza iziniya ngemizi, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile;
-
16
|Juan 2:16|
wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.
-
17
|Juan 2:17|
Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye.
-
18
|Juan 2:18|
Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Usibonisa mqondiso mni na, uzenza nje ezi zinto?
-
19
|Juan 2:19|
Waphendula uYesu wathi kubo, Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7