-
-
Xhosa
-
-
15
|Juan 3:15|
ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.
-
16
|Juan 3:16|
Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.
-
17
|Juan 3:17|
Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini, ukuze aligwebe ihlabathi; wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye.
-
18
|Juan 3:18|
Lowo ukholwayo kuye, akagwetywa; ke lowo ungakholwayo, uselegwetyiwe, ngokuba engakholwanga kwigana loNyana okuphela kwamzeleyo uThixo.
-
19
|Juan 3:19|
Ke kaloku, umgwebo nguwo lo, ukuba ukhanyiso lufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokhanyiso; kuba imisebenzi yabo ingendawo.
-
20
|Juan 3:20|
Kuba bonke abenza okubi, bayaluthiya ukhanyiso, bangezi elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yabo ingohlwaywa.
-
21
|Juan 3:21|
Ke lowo uyenzayo inyaniso uyeza elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yakhe ibonakalaliswe; ngokuba isetyenzelwe kuThixo.
-
22
|Juan 3:22|
Emveni kwezi zinto, weza uYesu nabafundi bakhe emhlabeni wakwaYuda; wakha walibala khona apho nabo; wabhaptiza.
-
23
|Juan 3:23|
Waye ke noYohane ebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, ngokuba amanzi abemaninzi khona apho; babesiza ke babhaptizwe.
-
24
|Juan 3:24|
Kuba ebengekaphoswa entolongweni uYohane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21