-
-
Xhosa
-
-
25
|Juan 3:25|
Kwabakho ke imbuzwano kubafundi bakaYohane namaYuda ngokuhlanjululwa.
-
26
|Juan 3:26|
Beza kuYohane, bathi kuye, Rabhi, lowa wayenawe phesheya kweYordan, umngqinela, yabona, yena uyabhaptiza; beza kuye ke bonke.
-
27
|Juan 3:27|
Waphendula uYohane wathi, Akanakwamkela nto umntu, engayinikwanga ivela emazulwini.
-
28
|Juan 3:28|
Nani ngokwenu niyandingqinela ukuba ndathi, Andinguye uKristu mna; ndathi, Ndithunyiwe phambi kwakhe.
-
29
|Juan 3:29|
Lowo unomtshakazi ngumyeni; isihlobo ke somyeni, esimiyo simve, sivuya kunene ngenxa yezwi lomyeni; ngoko olu luvuyo lwam luzalisekile.
-
30
|Juan 3:30|
Yena umelwe kukuthi ande, ndinciphe ke mna.
-
31
|Juan 3:31|
Lowo uvela phezulu ungaphezu kwabo bonke; lowo uphuma emhlabeni ungowasemhlabeni, ethetha okwasemhlabeni. Lowo ungowasemazulwini ungaphezu kwabo bonke;
-
32
|Juan 3:32|
akubonileyo ke wakuva, uyakungqina oko; akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe.
-
33
|Juan 3:33|
Lowo ubamkeleyo ubungqina bakhe, utywine waqinisela ukuthi, uThixo uyinyaniso;
-
34
|Juan 3:34|
kuba lowo uthunywe nguThixo, uthetha amazwi kaThixo; kuba uThixo akamniki uMoya ngomlinganiselo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Crónicas 8-9