-
-
Xhosa
-
-
5
|Juan 3:5|
Waphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo.
-
6
|Juan 3:6|
Okuzelwe yinyama kuyinyama, nokuzelwe nguMoya kungumoya.
-
7
|Juan 3:7|
Musa ukumangaliswa kukuba ndithe kuwe, Nimelwe kukuthi nizalwe ngokutsha.
-
8
|Juan 3:8|
Umoya uphepheza apho uthanda khona, uze usive isandi sawo, kodwa ungawazi apho uvela khona, nalapho usinga khona: bakwanjalo bonke abazelwe nguMoya.
-
9
|Juan 3:9|
Waphendula uNikodemo wathi kuye, Zingathini na ezi zinto ukuba nokubakho?
-
10
|Juan 3:10|
Waphendula uYesu wathi kuye, Wena, ungumfundisi nje wakwaSirayeli, akuzazi na ezi zinto?
-
11
|Juan 3:11|
Inene, inene, ndithi kuwe, Sithetha esikwaziyo, singqine esikubonileyo; nisuke ningabamkeli ubungqina bethu.
-
12
|Juan 3:12|
Ukuba ndinixelele izinto ezisemhlabeni, naza anakholwa, nothini na ukukholwa, ukuba ndithe ndanixelela izinto ezisemazulwini?
-
13
|Juan 3:13|
Akukho namnye unyukileyo waya emazulwini, ngulowo yedwa wehla ephuma emazulwini, uNyana woMntu, lowo usemazulwini.
-
14
|Juan 3:14|
Njengokuba ke uMoses wayiphakamisayo inyoka entlango, umelwe kukuphakanyiswa ngokunjalo uNyana woMntu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7