- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|1 Timoteo 6:1|
									Onke ke amakhoboka aphantsi kwedyokhwe, ndinga ke angababalela abaniniwo ekuthini, bafanelwe yimbeko yonke, ukuze igama likaThixo nemfundiso inganyeliswa.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|1 Timoteo 6:2|
									Lawo ke ankosi zikholiweyo, makangazideli ngakuba zingabazalwana; makube kukhona azikhonzayo, ngokuba zingamakholwa, ziziintanda ezingamadlelana ngomsebenzi wokusiza. Bafundise ezi zinto, ubavuselele.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|1 Timoteo 6:3|
									Ukuba umntu ufundisa mfundiso yimbi, angavumani namazwi aphilileyo angaweNkosi yethu uYesu Kristu, nemfundiso engokokuhlonela uThixo:									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|1 Timoteo 6:4|
									uthiwe lwale likratshi, engazi lutho kakuhle; ufa kukukhanuka iimbuzwano namaphike amazwi, ekuthi kwezo nto kuphume umona, iinkani, izinyeliso, izirhano ezingendawo,									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|1 Timoteo 6:5|
									iimpikiswano zochuku lwabantu abonakele iingqiqo, abahluthwe inyaniso, beba ukuhlonela uThixo kukusekeleza inzuzo.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|1 Timoteo 6:6|
									Ke kona ukuhlonela uThixo, kundawonye nokwanela, kusekeleze inzuzo enkulu.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|1 Timoteo 6:7|
									Kuba sibe singangenanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|1 Timoteo 6:8|
									Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|1 Timoteo 6:9|
									Ke abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni,  nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni,  nasekutshabalaleni.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|1 Timoteo 6:10|
									Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18