-
-
Xhosa
-
-
14
|2 Corintios 5:14|
Kuba lusifingile nje uthando lukaKristu, sigqibe kwelokuthi, ukuba ufele bonke emnye, ngoko bafile bonke abo;
-
15
|2 Corintios 5:15|
wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.
-
16
|2 Corintios 5:16|
Ngoko ke thina, sisusela kweli xesha, asisazi namnye ngokwenyama; nokuba ke besimazi uKristu ngokwenyama, kungoku asisamazi ngokwenyama.
-
17
|2 Corintios 5:17|
Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe.
-
18
|2 Corintios 5:18|
Zonke izinto ke ziphuma kuThixo, owasixolelanisa naye ngokwakhe ngoYesu Kristu, wasinika ulungiselelo loxolelaniso;
-
19
|2 Corintios 5:19|
olu ke lokokuba uThixo waye ekuKristu, elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engazibaleli kubo iziphoso zabo, walimisa kuthi ilizwi loxolelaniso.
-
20
|2 Corintios 5:20|
Sizizigidimi ke ngoko ngenxa kaKristu, ngokungathi uThixo uniyala ngathi; siyanikhunga ngenxa kaKristu, manixolelaniswe naye uThixo;
-
21
|2 Corintios 5:21|
kuba lowo ungazani nasono, wamenza isono ngenxa yethu, ukuze thina sibe bubulungisa bukaThixo kuye.
-
1
|2 Corintios 6:1|
Sisebenzisana naye nje ke, siyaniyala, ukuba ubabalo lukaThixo ningafumane nilwamkele;
-
2
|2 Corintios 6:2|
kuba uthi, Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, Ndakusiza ngomhla wosindiso. Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19