-
-
Xhosa
-
-
7
|2 Corintios 2:7|
ngokokude nithi kanye senimxolela, nimthuthuzele, hleze lowo unjalo aselesuka edliwa kukuba buhlungu ngokugqithiseleyo.
-
8
|2 Corintios 2:8|
Kungoko ndiniyalayo, ndithi, luzinziseni uthando kuye;
-
9
|2 Corintios 2:9|
kuba ndabhalela kona oku, ukuze ndikwazi ukucikideka kwenu, ukuba ningabevayo na ezintweni zonke.
-
10
|2 Corintios 2:10|
Enimxolelayo ke into, ndiyamxolela nam; kuba nam, ukuba ndixolele into endiyixoleleyo, ndenze ngenxa yenu, phambi kukaKristu;
-
11
|2 Corintios 2:11|
ukuze singabonelelwa nguye uSathana; kuba amaqhinga akhe siyawazi.
-
12
|2 Corintios 2:12|
Ke kaloku, ndathi ndakufika eTrowa ngenxa yeendaba ezilungileyo zikaKristu, ndakuba ndiwuvulelwe nomnyango eNkosini,
-
13
|2 Corintios 2:13|
andibanga nakonwaba emoyeni wam, ngokungamfumani uTito, umzalwana wam; ndesuka ndababulisa, ndanduluka ndava kwelaseMakedoni.
-
14
|2 Corintios 2:14|
Makubulelwe ke kuThixo, ohlala eduma ngathi sikuKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke.
-
15
|2 Corintios 2:15|
Ngokuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo.
-
16
|2 Corintios 2:16|
Kwabanye silivumba lokufa elisa ekufeni; kwabanye silivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19