-
-
Xhosa
-
-
4
|Cantares 2:4|
Indingenise endlwini yewayini, Nebhanile yayo phezu kwam luthando.
-
5
|Cantares 2:5|
Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi, Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando.
-
6
|Cantares 2:6|
Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam; Esokunene siyandiwola.
-
7
|Cantares 2:7|
Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande.
-
8
|Cantares 2:8|
Phulaphulani! Intanda yam, nantso isiza, Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini.
-
9
|Cantares 2:9|
Intanda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama. Nantso imi emva kodonga lwakokwethu, Ithe nzo ngeefestile, Inyondla ngekroba.
-
10
|Cantares 2:10|
Intanda yam yasusela, yathi kum, SukÂ’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze;
-
11
|Cantares 2:11|
Ngokuba uyabona, ubusika budlule, Imvula igqithile yemka;
-
12
|Cantares 2:12|
Iintyantyambo zibonakele ezweni; Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile; Izwi lehobe ivakele ezweni lethu;
-
13
|Cantares 2:13|
Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo, Imidiliya ityatyambile, Itsho ngevumba elimnandi. SukÂ’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5