-
-
Xhosa
-
-
11
|Eclesiastés 3:11|
Zonke izinto uzenze zantle ngexesha lazo; kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo ngohlobo lokuba umntu angasifumani isenzo asenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni.
-
12
|Eclesiastés 3:12|
Ndiyazi ke ukuba akukho nto ilungileyo phakathi kwabo, ingekukuvuya nokuzizuzela okulungileyo ebomini babo.
-
13
|Eclesiastés 3:13|
Kwanokuba wonke umntu adle, asele, abone okulungileyo emigudwini yakhe yonke: sisipho sikaThixo eso.
-
14
|Eclesiastés 3:14|
Ndiyazi ke ukuba yonke into aya kuyenza uThixo, yiyo eya kuba ngonaphakade; kungongezwa nto kuyo, kungacatshulwa nto kuyo: uThixo ukwenzela ukuba koyikwe ebusweni bakhe.
-
15
|Eclesiastés 3:15|
Le nto ikhoyo ibiselikho kade; nento eya kubakho ibiselikho kade. UThixo ke ubuya ayifune into egxothiweyo.
-
16
|Eclesiastés 3:16|
Ndabuya ndabona phantsi kwelanga indawo yokugweba, ukuba okungendawo kukhona; nendawo yobulungisa, ukuba okungendawo kukhona.
-
17
|Eclesiastés 3:17|
Ndathi mna entliziyweni yam, Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi, nazo zonke izenzo.
-
18
|Eclesiastés 3:18|
Ndathi mna entliziyweni yam, Kungenxa yoonyana babantu, ukuze uThixo abahlele, nokuze bazibone benjengeenkomo bona ngokwabo.
-
19
|Eclesiastés 3:19|
Ngokuba bayahlelwa oonyana babantu, ziyahlelwa neenkomo, sinye isihlo kubo nakuzo; njengoko kunjalo ukufa kwabo, kunjalo ukufa kwazo; mnye umoya kubo bonke nakuzo zonke; akukho kuyigqitha komntu inkomo; ngokuba zonke ezo nto zingamampunge.
-
20
|Eclesiastés 3:20|
Zonke ezo nto ziya ndaweni-nye; zonke ezo nto zavela eluthulini, zonke ezo nto zibuyela eluthulini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19