-
-
Xhosa
-
-
11
|Esdras 10:11|
Mzukiseni ngokunje uYehova, uThixo wooyihlo, nenze okukholekileyo kuye, nizahlule kwizizwe zeli lizwe, nakubafazi bezinye iintlanga.
-
12
|Esdras 10:12|
Laphendula lonke ibandla, lathi ngezwi elikhulu, Kufanelekile kuthi, ukuba senze ngokwelizwi lakho;
-
13
|Esdras 10:13|
kodwa abantu baninzi, yaye ilixesha lemvula, akunakumiwa phandle; lo msebenzi asingowemini enye, asingoweemini ezimbini; ngokuba sone kakhulu ngale nto.
-
14
|Esdras 10:14|
Abathetheli bethu ke mabalimele ibandla lonke; bathi bonke emizini yethu, abazeke abafazi bezinye iintlanga, beze ngamaxesha amisiweyo, benamadoda amakhulu emizi ngemizi, nabagwebi bayo, kude kubuyiswe kuthi ukuvutha komsindo woThixo wethu, isekho nje le nto.
-
15
|Esdras 10:15|
NgooYonatan unyana ka-Asayeli, noYazeya unyana kaTikwa, bodwa abamelana nelo lizwi; ooMeshulam, noShabhetayi umLevi, bebancedisa.
-
16
|Esdras 10:16|
Benjenjalo ke oonyana basemfudusweni. Kwahlulwa ooEzra umbingeleli, namadoda aziintloko zezindlu zooyise ngokwezindlu zooyise, bonke bephela, bebalulwe ngamagama, bahlala phantsi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi ukuyibuza le nto.
-
17
|Esdras 10:17|
Bayigqiba into yonke yamadoda abezeke abafazi bezinye iintlanga, elusukwini lokuqala lwenyanga yokuqala.
-
18
|Esdras 10:18|
Koonyana bababingeleli kwafunyanwa ababezeke abafazi bezinye iintlanga: koonyana bakaYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe: ingooMahaseya, noEliyezere, noYaribhi, noGedaliya.
-
19
|Esdras 10:19|
Banika isandla sabo, ukuba bobakhupha abafazi babo; bathi, benetyala nje, bakhuphe inkunzi yasempahleni emfutshane ngenxa yetyala labo;
-
20
|Esdras 10:20|
koonyana bakaImere yanguHanani noZebhadiya;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7