-
-
Xhosa
-
-
11
|Esdras 4:11|
Yiyo le incwadi abayithumela kuArtashashta ukumkani, ithi: Abakhonzi bakho, amadoda anganeno koMlambo, njalonjalo.
-
12
|Esdras 4:12|
Makwazeke kukumkani, ukuba amaYuda anyukileyo evela kuwe, afikile kuthi eYerusalem; ayawakha umzi ogwilikayo, ongendawo; ayazimisa iindonga zawo, ayazimbela iziseko.
-
13
|Esdras 4:13|
Makwazeke ngoku kukumkani, ukuba othi, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, angarholi rhafu nasithabathaba, nalunikelo, kude kuye kuxhwaleka ookumkani.
-
14
|Esdras 4:14|
Kaloku, ngenxa enokuba sisidla ityuwa yasebhotwe, kwaye kungafanelekile kuthi ukubona ukumkani encitshiswa. Ngako oko siyathumela, simazisa ukumkani,
-
15
|Esdras 4:15|
ukuze kuphicothwe encwadini yezikhumbuzo ezo zooyihlo, wazi ukuba lo mzi waba ngumzi ogwilikayo, owaxhwalekisa ookumkani namazwe, kwenziwa, isiphendu phakathi kwawo kwakudala, waba linxuwa lo mzi ngenxa yoko.
-
16
|Esdras 4:16|
Siyamazisa ukumkani ukuba, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, wothi ngenxa yelo thuba ungabi nasabelo wena nganeno koMlambo.
-
17
|Esdras 4:17|
Waza ukumkani wabathumela impendulo ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo abahleli kwaSamari, nabanye abanganeno koMlambo, wathi: Uxolo, njalonjalo.
-
18
|Esdras 4:18|
Loo ncwadi nayithumelayo kuthi ilesiwe ngokucacileyo phambi kwam.
-
19
|Esdras 4:19|
Ndiwise umthetho, kwaphicothwa, kwafunyanwa ukuba lo mzi kwakudala uziphakamisile kookumkani, kwenziwa ugwiliko nesiphendu phakathi kwawo.
-
20
|Esdras 4:20|
Kwabe kukho ookumkani abanamandla eYerusalem, nabanegunya kwilizwe lonke eliphesheya koMlambo apho; kunikelwa kubo irhafu, nesithabathaba, nonikelo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4