-
-
Xhosa
-
-
11
|Esdras 8:11|
koonyana bakaBhebhayi nguZekariya unyana kaBhebhayi, enamadoda amashumi mabini anesibhozo;
-
12
|Esdras 8:12|
koonyana baka-Azegadi nguYohanan unyana kaHakatan, enamadoda alikhulu elineshumi linye;
-
13
|Esdras 8:13|
koonyana bokugqibela baka-Adonikam abamagama angala: nguElifelete, noYehiyeli, noShemaya, benamadoda amashumi mathandathu;
-
14
|Esdras 8:14|
koonyana bakaBhigwayi ngu-Utayi, noZabhudi, enamadoda amashumi asixhenxe.
-
15
|Esdras 8:15|
Ndabahlanganisela emlanjeni ongumAhava; samisa khona imihla yamithathu. Ndabagqala abantu nababingeleli, andafumana khona namnye woonyana bakaLevi.
-
16
|Esdras 8:16|
Ndathumela ukuba kubizwe ooEliyezere, noAriyeli, noShemaya, noElinatan, noYaribhi, noElinatan, noNatan, noZekariya, noMeshulam, abaziintloko; noYoyaribhi noElinatan, abaqondisi-mthetho.
-
17
|Esdras 8:17|
Ndabasusa baya kuIdo, oyintloko endaweni eyiKasifiya; ndabeka amazwi emlonyeni wabo, ukuba bathethe wona kuIdo nabazalwana bakhe, abakhonzi betempile, endaweni eyiKasifiya, ukuba basizisele abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.
-
18
|Esdras 8:18|
Bathi ke, ngokwesandla sikaThixo wethu esilungileyo esiphezu kwethu, babazisa kuthi ooIshi-sekele koonyana bakaMahali, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli; noSherebhiya, noonyana bakhe nabazalwana bakhe, ishumi elinesibhozo;
-
19
|Esdras 8:19|
noHashabhiya enoYeshaya koonyana bakaMerari nabazalwana bakhe, noonyana babo, amashumi amabini;
-
20
|Esdras 8:20|
nakubakhonzi betempile, ababethe ooDavide nabathetheli babanikela ukuba bakhonze kubaLevi; abakhonzi betempile ibingamakhulu amabini anamanci mabini, bonke bebalulwe ngamagama.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7