-
-
Xhosa
-
-
1
|Filemón 1:1|
UPawulos, umbanjwa kaKristu Yesu, noTimoti umzalwana, babhalela uFilemon oyintanda, osebenzisana nathi,
-
2
|Filemón 1:2|
noApiya isithandanekazi sethu, noArkipo umphumi-mkhosi nathi, nebandla elisendlwini yakho;
-
3
|Filemón 1:3|
bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Kristu.
-
4
|Filemón 1:4|
Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhumbula emithandazweni yam,
-
5
|Filemón 1:5|
ndiluva nje olwakho uthando, nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu, nakubo bonke abangcwele,
-
6
|Filemón 1:6|
ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, kuse kuKristu Yesu.
-
7
|Filemón 1:7|
Kuba sinovuyo nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana.
-
8
|Filemón 1:8|
Kungoko endithi, nakuba ndinako ukungafihlisi okukhulu kuKristu, kokuba ndikuthethele okufanelekileyo,
-
9
|Filemón 1:9|
noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndingonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu.
-
10
|Filemón 1:10|
Ndikubongoza ngenxa yomntwana wam, uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3