-
-
Xhosa
-
-
11
|Filemón 1:11|
obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum unoncedo oluhle.
-
12
|Filemón 1:12|
Lowo ndimbuyisele kuwe; wena ke mamkele, oko kukuthi, yamkela izibilini zam;
-
13
|Filemón 1:13|
ebendinga mna ndingasendihlala naye apha, ukuze athi endaweni yakho andilungiselele, ndisezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi;
-
14
|Filemón 1:14|
kodwa andithandanga kwenza nto, ungatshongo wena, ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma.
-
15
|Filemón 1:15|
Kuba mhlawumbi wahlukaniswa umzuzwana nawe ngenxa yoku, ukuze umzuze ngokwaphakade;
-
16
|Filemón 1:16|
engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi?
-
17
|Filemón 1:17|
Ngoko ke, ukuba unobudlelane nam, mamkele njengam.
-
18
|Filemón 1:18|
Ukuba wakona, nokuba unetyala kuwe, oko kubalele kum.
-
19
|Filemón 1:19|
Mna Pawulos ndikubhale ngesam isandla ukuthi, mna ndokuhlawula; endingatshoyo kuwe ukuthi, kum unetyala elingaphezulu, elinguwe ngokwakho.
-
20
|Filemón 1:20|
Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7