-
-
Xhosa
-
-
1
|Habacuc 1:1|
Isihlabo awasibonayo uHabhakuki umprofeti.
-
2
|Habacuc 1:2|
Kunini na, Yehova, ndizibika, ungeva; ndikhala kuwe ndisithi, Ugonyamelo, ungasindisi?
-
3
|Habacuc 1:3|
Yini na ukuba undikhangelise ubutshinga, ukondele okubi? Yimbuqo nogonyamelo phambi kwam; kukho ubambano, kuphakame ingxabano.
-
4
|Habacuc 1:4|
Ngenxa yoko uyekelelwe umyalelo, ukuze kungaveli naphakade okusesikweni; kuba abangendawo bayawarhawula amalungisa; ngenxa yoko okusesikweni kuphuma kujikekile.
-
5
|Habacuc 1:5|
Khangelani phakathi kweentlanga, nondele, ningakhulumi nokukhuluma; ngokuba ndiya kusebenza umsebenzi ngemihla yenu, eningayi kukholwa nguwo, nokuba niyawubaliselwa.
-
6
|Habacuc 1:6|
Kuba, yabonani, ndixhoxha amaKaledi, uhlanga olulugcalagcala, oluyintshakavula; oluhamba nobubanzi behlabathi, ukuze luhluthe amakhaya angewalo.
-
7
|Habacuc 1:7|
Luyadengisa, luyoyikeka; kuphuma kwakulo okusesikweni kwalo, nokuphakama kwalo.
-
8
|Habacuc 1:8|
Anamendu ngaphezu kwezingwe amahashe alo, aqubula ngaphezu kweengcuka zangokuhlwa. Bayaphalisa abamahashe balo; abamahashe balo beza bevela kude, bee tshwebelele njengexhalanga elikhawulezayo ukuza kudla.
-
9
|Habacuc 1:9|
Bonke bephela beza ngokugonyamela; ubuso babo buzamela phambili; bahlanganisa abathinjwa njengentlabathi.
-
10
|Habacuc 1:10|
Bona bacukuceza ookumkani, nezidwangube ziyintlekisa kubo; bona bayazihleka iinqaba zonke; bafumba uthuli, bazithi hlasi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7