-
-
Xhosa
-
-
11
|Malaquías 1:11|
Ngokuba kuthabathela ekuphumeni kwelanga, kude kuse ekutshoneni kwalo, likhulu igama lam phakathi kweentlanga; nasezindaweni zonke kuqhunyiselwa, kunikelwe igama lam umnikelo ohlambulukileyo; ngokuba likhulu igama lam phakathi kweentlanga; utsho uYehova wemikhosi.
-
12
|Malaquías 1:12|
Ke nina niyalihlambela ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova singcolile, neziveliso zaso, ukutya kwaso kudelekile.
-
13
|Malaquías 1:13|
Nabuya nathi ke, Yabonani, yindinisa yani na le! nasivuthela; utsho uYehova wemikhosi; nazisa izinto eziphangiweyo, neziziqhwala, nezifayo; nenjenje ukuzisa umnikelo ke; ndikholiswe na ke zezo zinto ziphuma esandleni senu? utsho uYehova.
-
14
|Malaquías 1:14|
Uqalekisiwe ke oqhathaniselayo, ukanti kukho emhlambini wakhe iduna; nobhambathisa, abingelele eNkosini into eyonakeleyo; ngokuba ndingukumkani omkhulu, utsho uYehova wemikhosi, negama lam liyoyikeka phakathi kweentlanga.
-
1
|Malaquías 2:1|
Ngoku ke lo mthetho ubhekiswa kuni, babingeleli.
-
2
|Malaquías 2:2|
Ukuba anithanga niphulaphule, ukuba anithanga nikunyamekele ngentliziyo ukulizukisa igama lam, utsho uYehova wemikhosi ndonithumela isiqalekiso, ndiziqalekise iintsikelelo zenu; ewe, sendiziqalekisile, kuba ningakunyamekeli ngentliziyo,
-
3
|Malaquías 2:3|
Yabonani, ndiyayikhalimela ingalo yenu, nditshize ngomswane ebusweni benu, umswane wemithendeleko yenu, banithwale banisuse nawo;
-
4
|Malaquías 2:4|
nazi ukuba ndinithumele lo mthetho, ukuba ube ngumnqophiso wam noLevi; utsho uYehova wemikhosi.
-
5
|Malaquías 2:5|
Umnqophiso wam ubunaye uLevi, ububomi noxolo; ndamnika ezo zinto ukuba oyike. Wandoyika ke, waqhiphuka umbilini ngenxa yegama lam.
-
6
|Malaquías 2:6|
Umyalelo wenyaniso waba semlonyeni wakhe, akwafumaneka bugqwetha emilebeni yomlomo wakhe; wahamba nam exolile, ethe tye, wabuyisa abaninzi ebugwenxeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19