-
-
Xhosa -
-
11
|Apocalipse 20:11|
Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto.
-
12
|Apocalipse 20:12|
Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.
-
13
|Apocalipse 20:13|
Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe.
-
14
|Apocalipse 20:14|
Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini.
-
15
|Apocalipse 20:15|
Wathi ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21