-
-
Xhosa -
-
1
|Apocalipse 22:1|
Saza sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana.
-
2
|Apocalipse 22:2|
Phakathi kwesitrato sawo, ngapha nangapha komlambo, ngumthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; aye amagqabi omthi lowo engawokuphilisa iintlanga.
-
3
|Apocalipse 22:3|
Akusayi kuba sabakho nasinye isiqalekiso; yaye itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo; abakhonzi bakhe bamkhonze,
-
4
|Apocalipse 22:4|
babubone ubuso bakhe, negama lakhe libe semabunzini abo.
-
5
|Apocalipse 22:5|
Akuyi kubakho busuku khona; abafuni sibane, nakukhanya kwelanga, ngokuba iNkosi uThixo ibakhanyisela; baya kuba ngookumkani, kuse emaphakadeni asema phakadeni.
-
6
|Apocalipse 22:6|
Saza sathi kum, La mazwi athembekile, ayinyaniso; iNkosi, uThixo wabaprofeti abangcwele, yathuma isithunywa sayo sasemazulwini ukubabonisa abakhonzi bayo izinto ezimele ukubakho kamsinya.
-
7
|Apocalipse 22:7|
Yabona, ndiyeza kamsinya; unoyolo lowo uwagcinayo amazwi esiprofeto sayo le ncwadi.
-
8
|Apocalipse 22:8|
Mna, Yohane, ndingulowo ubezibona ezi zinto, eziva; ndathi ndakuva, ndakubona, ndawa ndaqubuda phambi kweenyawo zesithunywa sezulu esandibonisa ezi zinto.
-
9
|Apocalipse 22:9|
Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; kuba ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abaprofeti, nabo bawagcinayo amazwi ale ncwadi; qubuda kuThixo.
-
10
|Apocalipse 22:10|
Sithi kum, Musa ukuwatywina amazwi esiprofeto sale ncwadi; ngokuba ixesha likufuphi.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21